YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 4

4
UmSamariyakazi
1Ithe ngoko iNkosi, yakwazi ukuba abaFarisi bavile ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ngokwenza nokubhaptiza abafundi 2(nakubeni ke uYesu ngokwakhe ebengabhaptizi, bekubhaptiza abafundi bakhe), 3yalishiya yona elakwaYuda, yabuya yaya kwelaseGalili.
4Ibimelwe ke kukuthi icande kwelamaSamariya. 5Ifike ke emzini welamaSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nomhlaba awathi uYakobi wawunika uYosefu unyana wakhe. 6Ke kaloku umthombo kaYakobi ubukhona.
Uthe ke ngoko uYesu, ebulalekile kukuhamba, wahlala enjalo phezu komthombo; ilixa ngathi belilelesithandathu. 7Kufika intokazi yelamaSamariya, isiza kukha amanzi, athi uYesu kuyo, Ndiphe ndisele. 8(Kuba abafundi bakhe bebemke baya kuthenga ukudla emzini apho.)
9Ithi ngoko intokazi engumSamariyakazi kuye, Ùthini na wena, ungumYuda nje, ukucela kum into eselwayo, ndingumSamariyakazi nje? Kuba akanabudlelane amaYuda namaSamariya. 10Waphendula uYesu wathi kuyo, Ukuba ubusazi isipho sikaThixo, nokuba ngubani na lo uthi kuwe, Ndiphe ndisele: unge ucele kuye wena, wakùpha amanzi aphilileyo.
11Ithi intokazi kuye, Nkosi, akunanto yakukha, nequla linzulu; uwazuza phi na ke amanzi aphilileyo lawo? 12Wena umkhulu yini na kunobawo wethu uYakobi, owasinikayo iqula eli, wayesela kulo yena, nabantwana bakhe, nemfuyo yakhe? 13Waphendula uYesu wathi kuyo, Bonke abasela kula manzi, baya kubuya banxanwe; 14ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.
15Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiphe loo manzi, ukuze ndinganxanwa, ndingezi nokuza kukha apha. 16Athi uYesu kuyo, Hamba uye kubiza indoda yakho, uze apha. 17Yaphendula intokazi yathi, Andinandoda. Athi uYesu kuyo, Ùlungisile ukuthi, Andinandoda; 18kuba ubunamadoda amahlanu; onayo ngoku asindoda yakho, ùnyanisile ukutsho.
19Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiyabona ukuba ungumprofeti wena. 20Oobawo bethu babenqula kule ntaba; nina ke nithi iseYerusalem indawo apho abantu bamelwe kukunqula khona. 21Athi uYesu kuyo, Ntokazindini, kholwa ndim, ukuba kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo. 22Nina ninqula eningakwaziyo; thina sinqula esikwaziyo; ngokuba usindiso luphuma kumaYuda. 23Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. 24UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.
25Ithi intokazi kuye, Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, ekuthiwa nguKristu;• xa athe weza yena, uya kusityela izinto zonke. 26Athi uYesu kuyo, Mna ndithethayo nawe ndinguye.
27Kwathi kwangoko bafika abafundi bakhe, bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana; noko ke akubangakho namnye owathi. Ùfuna ntoni na? nowathi, Yini na ukuba uthethe nayo? 28Yawushiya ngoko umphanda wayo intokazi, yemka yaya ekhaya; ithi ebantwini, 29Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu• yini na? 30Baphuma ke ekhaya, baye besiza kuye.
Isivuno nabasebenzi
31Ke kaloku, kweso sithuba abafundi babemthandaza, besithi, Rabhi,• yidla. 32Uthe ke yena kubo, Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina. 33Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla?
34Athi uYesu kubo, Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe. 35Anitsho na nina ukuthi, Iinyanga zisené, kuze kufike ukuvuna? Yabonani, ndithi kuni, Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe. 36Novunayo wamkela umvuzo, abuthele iziqhamo ebomini obungunaphakade, ukuze nalowo uhlwayelayo avuye, kunye nalowo uvunayo. 37Kuba likulé nto ilizwi eliyinyaniso, eli lithi, Omnye uyahlwayela, nomnye avune. 38Mna ndanithuma ukuvuna oko ningabulalekanga kuko nina; abanye babulalekile, naza nangena nina ekubulalekeni kwabo.
39Ke kaloku, kwakholwa kuye into eninzi yamaSamariya kuloo mzi, ngenxa yelizwi lentokazi leyo, yangqinayo yathi, Úndityele izinto zonke endakha ndazenza. 40Akufika ngoko kuye amaSamariya, amcela ukuba ahlale nawo; wahlala khona ke imihla emibini. 41Into eninzi yakholwa ngakumbi ngenxa yelizwi lakhe. 42Kanjalo babesithi kwintokazi leyo, Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho, kuba sizivele thina ngokwethu, sazi ukuba, inyaniso, lo unguye uMsindisi wehlabathi, uKristu•.
Ukuphiliswa konyana wegosa lakomkhulu
43Ke kaloku, emveni kwemihla emibini leyo, waphuma khona, wemka waya kwelaseGalili. 44Kuba uYesu ngokwakhe wangqina, ukuba umprofeti akanambeko kowabo. 45Xenikweni ngoko wafikayo kwelaseGalili, bamamkela abaseGalili ababezibonile zonke izinto awazenzáyo eYerusalem emthendelekweni; kuba babeyile nabo emthendelekweni.
46Wabuya ngoko weza uYesu eKana yelaseGalili, apho amanzi ebewenze iwayini. Kwaye kukho igosa lakomkhulu elithile, elinyana wayesifa eKapernahum. 47Lithe lakuva lona ukuba uYesu uphumile kwaYuda, wafika kwelaseGalili, laya kuye, lamcela ukuba ehle amphilise unyana walo, kuba ebeza kubhubha. 48Wathi ngoko uYesu kulo, Ukuba anithanga nibone imiqondiso nemimangaliso, anisayi kukha nikholwe. 49Lithi kuye igosa lakomkhulu, Nkosi, yihla, engekabhubhi umntwana wam. 50Athi uYesu kulo, Hamba uhambe; unyana wakho uhleli. Wakholwa umntu lowo lilizwi awalithethayo uYesu kuye, wahamba ke.
51Ke kaloku, akubon' ukuba uselesihla, izicaka zakhe zamhlangabeza, zambikela zisithi, Umntwana wakho uhleli. 52Wabuza ngoko kuzo ilixa aqale ukuchacha ngalo; zathi kuye, Izolo, ngelixa lesixhenxe, yamyeka icesina. 53Wazi ngoko uyise, ukuba bekukwangelo lixa abethe ngalo uYesu kuye, Unyana wakho uhleli; wakholwa, yena nendlu yakhe iphela.
54Lo mqondiso ke wesibini wawenza uYesu, eselephumile kwelakwaYuda, weza kwelaseGalili.

Currently Selected:

UYOHANE 4: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy