YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 2

2
UYesu uguqula amanzi abe yiwayini eKana
1Kuthe ngomhla wesithathu, kwabakho umsitho eKana yelaseGalili; waye unina kaYesu ekhona. 2Wamenyelwa ke noYesu kwanabafundi bakhe emsithweni lowo.
3Kuthe ke, bakuphelelwa yiwayini, wathi unina kaYesu kuye, Abanawayini. 4Uthi uYesu kuye, Yintoni na enam nawe, mfazi? Alikafiki ilixa lam. 5Athi unina kubalungiseleli, Asukuba ekuthetha kuni, kwenzeni. 6Kwakumi khona ke imiphanda yamatye imithandathu, ngokwentlambululo yamaYuda, engena ngaminye iibhate• ezimbini nantathu. 7Athi kubo uYesu, Yizaliseni imiphanda ngamanzi. Bayizalisa ke, yada yee cike. 8Athi kubo, Yikhani ngoku, nise kwinjoli. Besa ke.
9Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini (yayingayazi apho ivela khona; kodwa abalungiseleli ababewakhile amanzi babesazi), yasuka injoli yabiza umyeni. 10Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku.
11Oku kuqaleka kwemiqondiso wakwenza uYesu eKana yelaseGalili, walubonakalalisa uzuko lwakhe; bakholwa kuye abafundi bakhe.
12Emveni koko wehla waya eKapernahum, yena nonina, nabazalwana bakhe, nabafundi bakhe; bahlala khona iintsuku ezingeninzi.
Ukuhlanjululwa kwetempile
(UMat. 21:12-17)
13Yayikufuphi ke ipasika• yamaYuda; wenyuka uYesu waya eYerusalem. 14Wabafumana etempileni ababethengisa ngeenkomo nezimvu namahobe, nabananisa ngemali behleli. 15Wenza iziniya ngemizí, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile; 16wathi nakwabo bathengisa ngamahobe, Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela. 17Bakhumbula ke abafundi bakhe, ukuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuzondelela indlu yakho kundidlile kanye.
18Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Usibonisa mqondiso mni na, uzenza nje ezi zinto? 19Waphendula uYesu wathi kubo, Yichitheni le tempile, mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu. 20Athi ke ngoko amaYuda, Yayiminyaka imashumi mané anesithandathu nje isakhiwa le tempile, ke wena woyivusa ngeentsuku ezintathu na?
21Yena ke wayethetha ngetempile yomzimba wakhe. 22Ke ngoko, xenikweni wavukayo kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe, ukuba ebekuthethile oku kubo, bakholwa sisibhalo nalilizwi awalithethayo uYesu.
23Ke kaloku, akubon' ukuba useYerusalem epasikeni, emthendelekweni, into eninzi yakholwa kulo igama lakhe, ibona imiqondiso yakhe abeyenza. 24Ke yena uYesu akaziyekelanga kubo, ngenxa yokuba ebazi bonke; 25nangokuba bekungafuneki kuye, ukuba kungqine bani ngaye umntu, kuba ubekwazi yena okungaphakathi komntu.

Currently Selected:

UYOHANE 2: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy